Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 2:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Nangoku ke loo manzi atsho anempilo unanamhlanje, ngokwelo lizwi lathethwa nguElisha.

23. Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”

24. Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe.

25. Ukusuka apho ke waya kwintaba iKarmele, waza ke wasuka khona wabuyela eSamariya.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 2