Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 2:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ke amadoda eso sixeko athetha noElisha athi: “Mnumzana, uyayibona nawe le dolophu yethu ukuba imi endaweni entle, kodwa ke amanzi ayo mabi, nomhlaba wayo awunamveliso.”

20. Wawaphendula wathi: “Yizani nesitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.” Ngenene beza naso ke.

21. Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ”

22. Nangoku ke loo manzi atsho anempilo unanamhlanje, ngokwelo lizwi lathethwa nguElisha.

23. Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”

24. Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe.

25. Ukusuka apho ke waya kwintaba iKarmele, waza ke wasuka khona wabuyela eSamariya.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 2