Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 2:13-24 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wawuchola ke loo mnweba wawuwe kuEliya, waza waya kuma elunxwemeni lomlambo iJordan.

14. Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.

15. Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe.

16. Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.”UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”

17. Kambe ke abo bashumayeli baphikelela ukuyithetha le nto, wada ke naye waneentloni ukubalela, wathi: “Wathumeni.” Bawathuma ke loo madoda angamashumi amahlanu, aza ke amfuna iintsuku zada zantathu, kodwa akamfumana.

18. Athe ke akubuya engamfumananga, eza kuElisha owayehlala eJeriko, waza ke yena wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”

19. Ke amadoda eso sixeko athetha noElisha athi: “Mnumzana, uyayibona nawe le dolophu yethu ukuba imi endaweni entle, kodwa ke amanzi ayo mabi, nomhlaba wayo awunamveliso.”

20. Wawaphendula wathi: “Yizani nesitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.” Ngenene beza naso ke.

21. Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ”

22. Nangoku ke loo manzi atsho anempilo unanamhlanje, ngokwelo lizwi lathethwa nguElisha.

23. Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”

24. Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 2