Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 2:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali.

2. UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”Kodwa yena uElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Bahamba ke baya eBhetele.

3. Ke abashumayeli ababelapho eBhetele beza kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

4. UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJeriko.”UElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Ngoko ke bahamba baya eJeriko.

5. Ke abashumayeli ababelapho eJeriko baya kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

6. UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJordan.”Ke yena wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe!” Ngoko ke bahamba bobabini.

7. Ke kaloku amashumi amahlanu abashumayeli ahamba afika ema mganyana, ejonge ngakuloo ndawo babefike bema kuyo eJordan uEliya noElisha.

8. Ke Eliya wawuthatha umnweba wakhe, wawusonga, waza wawabetha ngawo amanzi. Amanzi ke ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, baza ke bobabini bawela emhlabeni owomileyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 2