Ke uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wathumela lo myalezo kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi: “Ewe, ndikonile; nceda ke ngoko urhoxe kum. Ndokhupha nantoni na othi mandirhume ngayo.” Ukumkani waseAsiriya ke wamrhafisa ishumi lamawaka eekhilogram zesiliva kunye newaka leekhilogram zegolide.