Eniya kunqula yena nguNdikhoyo, yena wanikhululayo kwelaseJiputa ngaloo mandla obungangamsha bakhe angoyiswa nto. Nguye enifanele ukuguqa kuye, nimenzele amadini.