UNdikhoyo wathi akumahlula uSirayeli kwindlu kaDavide, suka uSirayeli wathatha uJerobhowam unyana kaNebhati, wamenza ukumkani. UJerobhowam lowo ke wamwexula uSirayeli ekulandeleni uNdikhoyo, wamlukuhla, wamfaka kwisonokazi esikhulu.