Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 16:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.”

8. Kananjalo ke uAhazi wayithatha isiliva kunye negolide ezazisendlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu, wazithumela zasisipho arhuma ngaso kukumkani waseAsiriya.

9. Ukumkani waseAsiriya ke wasamkela eso sicelo, waza ke wahlasela iDamasko. Abemi bakhona wabafudusela eKiri, ke yena uRezin wambulala.

10. Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo.

11. Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi.

12. Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo.

13. Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni.

14. Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.

15. Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.”

16. Ngenene ke u-Uriya wenza ngokomyalelo kakumkani uAhazi.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 16