Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”