15. Zange bafune nkcukacha kwabo babebanikela ukuba bahlawule abasebenzi, kuba babesebenza ngokunyaniseka.
16. Ke yona imali yeminikelo yobutyala neyamadini esono yayingeziswa endlwini kaNdikhoyo, kuba yayiyeyababingeleli.
17. Ngeli thuba ke ukumkani wakwa-Aram uHazayeli wahlasela iGati wayithimba. Wabuya ke wahlasela neJerusalem.
18. Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.
19. Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaYowashe, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
20. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, ambulala eBhete-milo kwindlela eya eSila.