Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 11:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Akukhangela wabona tyhini nanko ukumkani emi ngasentsikeni ngokusesikweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula izambatho zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”

15. Umbingeleli uJoyada wayalela iingqwayi-ngqwayi zamabutho omkhosi, wathi: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Makangabulawelwa endlwini kaNdikhoyo.”

16. Ngoko ke bambamba xa efika kwiSango lamaHashe eyadini yakomkhulu, bambulalela apho.

17. Ke kaloku uJoyada wenza umnqophiso phakathi kukaNdikhoyo nokumkani ndawonye nabantu wokuba baya kuba ngabantu bakaNdikhoyo, waba lingqina nakumnqophiso ophakathi kwabantu nokumkani.

18. Bonke abantu belizwe elo ke baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Amaqonga ndawonye nemifanekiso bayintlekeza yaziingceba, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga.Umbingeleli uJoyada wamisa abalindi apho endlwini kaNdikhoyo.

19. UJoyada wahamba neengqwayi-ngqwayi zabalindi basebhotwe nabo bakomkhulu, bamxhaka ukumkani ukusuka endlwini kaThixo ukuya komkhulu, belandelwa ngabantu bonke. Bangena ngesango labalindi, waza ukumkani wachopha esihlalweni.

20. Xa bebonke ke abantu babenemihlali bevuya, nesixeko ngokwaso sizolile ngoku abuleweyo ngekrele uAtaliya apho komkhulu.

21. UYowashe waba ngukumkani xa eneminyaka esixhenxe ezelwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 11