Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 10:30-35 Ibhayibhile (XHO96)

30. UNdikhoyo wathi kuYehu: “Ngenxa yokuba wenze kakuhle kangaka, wandikholisa ngokwenza loo nto ndandizimisele kuyo mayela nendlu ka-Ahabhi, ngoko ke iya kude ibe sisizukulwana sakho sesine indlu yakho ilawula kwaSirayeli.”

31. Phofu ke yena uYehu lo zange akunonophele ukuwuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngomxhelo wakhe wonke. Zange azichase izono zikaJerobhowam, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.

32. Ngaloo mihla ke uNdikhoyo wawaphungula amaSirayeli. UHazayeli wawongamela amaSirayeli kuwo wonke ummandla wawo,

33. kwimpuma yeJordan, nakuwo wonke umhlaba waseGiliyadi (ingingqi kaGadi, noRubhen, noManase), ukusuka eArohere kwingxingwa yeArnon, ukunqumla iGiliyadi, kuye eBhashan.

34. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehu, nayo yonke imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkai bakwaSirayeli.

35. UYehu waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa eSamariya. UYowahazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 10