Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.