Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 1:16-18 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wafika wathi kukumkani: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo na kwaSirayeli, le nto uthumela abathunywa baye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron? Ngenxa yale nto uyenzileyo ke, akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”

17. Ngenene ke wafa uAhaziya ngokwelizwi likaNdikhoyo elathethwa nguEliya.Ke kaloku uAhaziya lo wayengenanyana, ngoko ke kwangena uYoram endaweni yakhe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wesibini kaYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaJuda.

18. Ke zona iziganeko zolawulo luka-Ahaziya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 1