Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 9:20-31 Ibhayibhile (XHO96)

20. Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, kananjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

21. Ukumkani wayeneqela leenqanawa zokurhweba ezaziqhutywa ngamadoda akwaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.

22. Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi.

23. Bonke ookumkani bamazwe babefuna amacebo kuSolomon ukuze beve ubulumko abunikwe nguThixo.

24. Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.

25. USolomon wayenezitali zamahashe neenqwelo ezingamawaka amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.

26. Xa bebonke ookumkani wayebalawula ukususela kumlambo iEfrati kuye kwelamaFilistiya, kuthi xhaxhe ngomda weJiputa.

27. Ke ukumkani lo isiliva wayenza yaxhaphaka eJerusalem oku kwamatye, umsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni.

28. USolomon amahashe wayewazuza eJiputa nakuwo onke amanye amazwe.

29. Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon ukususela ekuqalekeni kude kuye esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uNatan, nakwiintshumayelo zika-Ahiya waseShilo, ngokunjalo nakwimibono kaYedi imboni echaza nangoJerobhowam unyana kaNebhati.

30. Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem.

31. Waza ke waya kuphumla kooyise, wangcwatywa kwisixeko sikayise uDavide. URehobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 9