Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 8:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. USolomon waya kuhlasela iHamati-zobha wayithimba.

4. Kananjalo wayakha iTademore entlango phaya, ndawonye nazo zonke izixeko ezingoovimba awazimisa eHamati.

5. Wayihlaziya neBhete-horon ephezulu ndawonye naleyo isezantsi, wazenza iinqaba ezibiyelweyo ngeendonga ezinamasango nemivalo,

6. kwakunye neBhalati nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.

7. Bekukho abantu ababesele kwiintlanga zamaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,

8. koko zazisisizukulwana sazo esasingatshatyalaliswanga ngamaSirayeli. Ke uSolomon wazigaya zonke zalibutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.

9. Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba ziingqwayi-ngqwayi zomkhosi nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.

10. Amanye ke ayengamaphakathi aphambili kakumkani uSolomon, engamagosa angamakhulu amabini anamashumi amahlanu awayongamele amadoda.

11. Ke kaloku uSolomon wamkhupha umkakhe owayeyintombi yokumkani waseJiputa phaya kwisixeko sikaDavide, wamsa kwelo bhotwe wayemakhele lona, kuba wayesithi: “Umfazi wam akanakuhlala kwisixeko sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba ifakwe khona ityesi kaNdikhoyo; ngoko ke siyindawo engcwele.”

12. Kwiqonga likaNdikhoyo awayelakhile phambi kwevaranda uSolomon wanikela amadini atshiswayo kuNdikhoyo,

13. loo nto eyenza ngokwemfuneko nommiselo wemini nganye, ngokomlomo kaMosis mayela *neMihla yoPhumlo, ukuthwasa kwenyanga, naloo matheko mathathu ayesenziwa minyaka le – itheko lezonka ezinganyuswanga, itheko lolibo, netheko lamaphempe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 8