Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 7:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo.

16. Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.

17. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,

18. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho njengoko ndandinqophisene noyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda engumlawuli kwaSirayeli.’

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 7