Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 6:24-34 Ibhayibhile (XHO96)

24. “Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuya ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,

25. wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, uwabuyisele kulo mhlaba wawunika ooyise.

26. “Xa amazulu athe avaleka ayabikho imvula, kuba abantu bakho bekonile, mabathi xa bathe babhekisa kule ndawo ngomthandazo bevuma igama lakho, bezishiya nezono zabo kuba wena ubabandezele,

27. wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sezicaka zakho, abantu bakho amaSirayeli. Uze ubafundise indlela efanelekileyo yokuziphatha, ulithi jize ngemvula ilizwe elililifa owalinika abantu bakho.

28. “Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintothoviyane, okanye xa abantu bakho bethe bangqingwa ziintshaba ezixekweni zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,

29. makuthi xa kukho nawuphi na kubantu bakho othandazayo ekhunga ngokuva iimbandezelo neentlungu, izandla zakhe eziphakamisela kule ndlu,

30. wena ke yiva usekhayeni lakho ezulwini. Ewe, xolela, ulowo nalowo umphathe ngokwezenzo zakhe, kuba wena uyayazi intliziyo yakhe. Kaloku nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zabantu.

31. Ngaloo ndlela ke baya kukuhlonela, bahambe ezindleleni zakho ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi kulo mhlaba wawunika oobawo.

32. “Kanti ke nowasemzini ongenguye owabantu bakho amaSirayeli, kodwa ofike evela kwelikude ilizwe ngenxa yodumo lwegama lakho, namandla esandla sakho, kunye nobungangamsha bengalo yakho, makathi akuza kuthandaza apha kule ndlu,

33. wena ke uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.

34. “Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, nokuba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe, bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho, kwesi sixeko usinyulileyo,

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 6