Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSolomon wathi: “*UNdikhoyo wayethe uza kuhlala kwilifu elimnyama;

2. ke mna ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo oya kuhlala kuyo kude kube ngonaphakade.”

3. Lithe lisemi apho lonke elo bandla likaSirayeli, ukumkani wee guququ walithamsanqela,

4. wathi:“Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, yena othe ngesandla sakhe wasifezekisa isithembiso awasenza ngomlomo wakhe kubawo uDavide. Kaloku yena wathi:

5. ‘Ukusukela kwimini endabakhupha ngayo abantu bam eJiputa, andizange ndizikhethele sixeko nakwesiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam, kananjalo andizange ndinyule mntu ukuze akhokele abantu bam amaSirayeli.

6. Kambe ke ngoku ndinyule iJerusalem ukuze libe kuyo igama lam, ndaza ndanyula uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’

7. “Ubawo uDavide wayezimisele ngomxhelo wakhe ukuba igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli alakhele indlu.

8. Kambe ke uNdikhoyo wathi kubawo uDavide: ‘Ibe yinto entle ukuba uzimisele ukulakhela indlu igama lam.

9. Noko ke kambe asinguwe oza kulakhela indlu igama lam, koko yoba ngunyana wakho; nditsho kanye owesinqe sakho – nguye oya kulakhela indlu igama lam.’

10. “UNdikhoyo ke usigcinile eso sithembiso wasenzayo. Naku ngoku ndingene esikhundleni sikabawo uDavide. Ewe, ndichophe kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo, ndaza ndalakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

11. Kuyo ndayibeka ityesi equlethe umnqophiso kaNdikhoyo awayewenze namaSirayeli.”

12. Ke kaloku uSolomon wema phambi kweqonga *likaNdikhoyo, apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza ke waziphakamisa izandla zakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 6