Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 4:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Phantsi komphetho lalijikelezwe yimifanekiso yeenkunzi zeenkomo. Ezo nkunzi zaziyimiqolo emibini, ziyinto enye nechibi elo.

4. Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, ezintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo.

5. Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nowekomityi, kanye oku kwenyibiba edubulayo. Lwalungena iilitha ezingamawaka angamashumi amathandathu.

6. Kananjalo wenza nezitya zokuhlambela zalishumi, isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, esinye isihlanu wasibeka ngasentla. Apho kuzo kwakuza kuhlanjwa izinto zokwenza amadini atshiswayo; kodwa ke apho echibini kwakuza kuhlamba ababingeleli.

7. Wenza neziphatho zezibane zegolide ezilishumi, ezenza ngokwemilinganiselo yazo; waza ke wazibeka apho endlwini kaThixo. Isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, waza esinye isihlanu wasibeka kwicala langasentla.

8. Kwakhona wenza neetafile zalishumi, wazifaka apho endlwini kaThixo, ezintlanu ngasezantsi, ezintlanu ngasentla. Kananjalo wenza neendebe zegolide zokufefa zalikhulu.

9. Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu.

10. Ichibi elo walibeka kumazantsi-mpuma endlu kaThixo.

11. Kananjalo wenza iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebezi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 4