Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 4:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. izixhaso nezitya zazo;

15. ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;

16. iimbiza, iifotsholo, iifolokhwe zenyama, nezinye izixhobo ezikolo didi.Zonke ke ezo zixhobo ezazenziwe nguHuram-abhi, ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo, zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.

17. Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.

18. Ubunzima bazo xa zizonke ezi zinto wazenzayo uSolomon babubukhulu ngangokuba abuzange bube namlinganiso.

19. Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaThixo:iqonga lamadini legolide;iitafile zesonka esinikelwa kuThixo;

20. iziphatha-zibane ezazenziwe ngegolide ecikizekileyo kunye nezibane zazo, ezazimiselwe ukusoloko zivutha phambi kwendawo engcwele;

21. iintyatyambo zegolide nezibane nezitya zokugcina imitya yezibane – zonke ziyigolide;

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 4