Waya endlwini kaNdikhoyo, ehamba namadoda akwaJuda, abemi baseJerusalem, ababingeleli nabaLevi, enabantu bonke kuqalela koyena mncinci kuye koyena mkhulu. Wabafundela onke amazwi aloo ncwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo.