Kambe ke xa kwakuthunyelwe oonozaku-zaku kuye ngabalawuli baseBhabheli, beze kuqonda ngomqondiso omangalisayo owawubonakele apho elizweni lakhe, uThixo wamyekela khon' ukuze amvavanye akuqonde konke okwakusentliziyweni yakhe.