Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 32:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.

23. Baba baninzi abazisa iminikelo kuNdikhoyo eJerusalem, nezipho ezixabisekileyo kuHezekiya ukumkani wakwaJuda. Ukusukela ngoko ke waxatyiswa zizo zonke izizwe.

24. Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.

25. Kambe ke uHezekiya wayethiwe lwale likratshi, akabusabela ububele abenzelweyo; ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo yaba phezu kwakhe ndawonye noJuda neJerusalem.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 32