Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 30:15-27 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ixhwane lePasika balixhela ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesibini. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, baza bazihlambulula, benza amadini atshiswayo endlwini kaNdikhoyo.

16. Baza ke bema ngeendawo zabo ngokwemigqaliselo yomthetho kaMosis umfo wakwaThixo. Ababingeleli bafefa ngalo igazi ababelinikwe ngabaLevi.

17. Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.

18. Nangona uninzi lwabantu ababephuma kwaEfrayim, kwaManase, kwaIsakare, nakwaZebhulon babengazihlambululanga, kodwa nabo bathatha inxaxheba apho ePasikeni – nto leyo yayinxa mnye nomthetho. Kambe ke uHezekiya wabathandazela wathi: “Ngamana uNdikhoyo olungileyo wabaxolela bonke,

19. mntu ngamnye ozimisele ukufuna uThixo uNdikhoyo, uThixo wooyise, noba akahlambulukanga ngokwemigqaliselo yendawo engcwele.”

20. UNdikhoyo ke wawuva loo mthandazo kaHezekiya, wabaphilisa abantu.

21. Loo maSirayeli ayekhona eJerusalem asibhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga iintsuku zada zasixhenxe, benemincili novuyo olukhulu; baye bona abaLevi nababingeleli bememelela bedumisa uNdikhoyo yonke imihla, bekhatshwa zizikhalisi zokudumisa uNdikhoyo.

22. UHezekiya wabakhuthaza bonke abaLevi ababewenza ngenyameko umsebenzi kaNdikhoyo. Ngezo ntsuku zisixhenxe ke babesitya izabelo zabo, benikela amadini obudlelwana, bedumisa uNdikhoyo uThixo wooyise.

23. Ibandla lonke lavumelana ukubhiyoza esinye isixhenxe seentsuku. Ngoko ke babhiyoza ngemincili ezinye iintsuku ezisixhenxe.

24. Ukumkani wakwaJuda uHezekiya wakhuphela elo bandla iwaka leenkunzi zeenkomo, nesixhenxe samawaka eegusha neebhokhwe; kanti ke amaphakathi wona anikezela ngewaka leenkunzi zeenkomo, neshumi lamawaka eegusha neebhokhwe. Ababingeleli abaninzi nabo bazihlambulula.

25. Laba nemihlali lonke ibandla lakwaJuda, ndawonye nababingeleli nabaLevi nabo bonke ababephuma kwaSirayeli, kwakunye neentlanga ezaziphuma kwaSirayeli nezazimi kwelakwaJuda.

26. Yayilulonwabo nemincili eJerusalem. Kaloku ukusukela kwimihla kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, lalingazange libe khona eli theko eJerusalem.

27. Ababingeleli nabaLevi bema ngeenyawo babathamsanqelisa abantu, waza ke uThixo wabeva. Kaloku umthandazo wabo waya kufikelela ekhayeni lakhe elilodwa ezulwini.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 30