Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 30:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UHezekiya wathumela ilizwi kuye wonke uSirayeli noJuda, wabhala neeleta, wazithumela kwaEfrayim nakwaManase, ebamema ukuba baye endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, baye kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

2. Ukumkani namaphakathi nebandla lonke laseJerusalem benza isigqibo sokubhiyozela iPasika kwinyanga yesibini.

3. Babengabanga nako ukuyibhiyozela ngexesha layo, kuba babenganelanga ababingeleli abazihlambululayo, nabantu babengaqokelelananga eJerusalem.

4. Eli cebo ke labonakala lilungile kukumkani nakwibandla liphela.

5. Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 30