Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 3:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngaphakathi apho kwigumbi eliyingcwele kangcwele wakrola izithunywa ezimaphiko zazibini, wazityabeka ngegolide.

11-12. Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana.

13. Amaphiko ezi zithunywa ayethathe umgama oziimitha ezilithoba. Zazimi ngeenyawo, zikhangele ngaphakathi.

14. Umkhusane wawenza ngelaphu eliluhlaza, nelimsobo, nelimfusa, waza wawuhombisa ngemifanekiso ethungiweyo yezithunywa ezimaphiko.

15. Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota.

16. Wenza nemixokelelwana ephotheneyo, wayithi cwa kwezo ntloko zezo ntsika. Kuloo mxokelelwano wanxibelela iirharnathi ezilikhulu.

17. Ezo ntsika wazimisa apho phambi kwendlu kaThixo, enye ngezantsi enye ngasentla. Le ingezantsi kwathiwa nguJakin, le ingentla yona kwathiwa nguBhowazi.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 3