Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngenyanga yokuqala yonyaka wakhe wokuqala ekulawuleni, wayivula indlu kaNdikhoyo, wawahlaziya amasango ayo.

4. Ababingeleli nabaLevi wabaqokelela kwinkundla esempuma, wathetha nabo,

5. wathi: “BaLevi, ndiphulaphuleni; zihlambululeni, ze niyihlambulule nayo indlu kaNdikhoyo uThixo wooyihlo. Yisuseni yonke into enomlaza endaweni engcwele.

6. Oobawo zange banyaniseke; benze okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wethu, bakreqa kuye. Ewe, basuka bamfulathela uNdikhoyo ndawonye nendawo ahlala kuyo.

7. Bazivala iingcango zevaranda, bazicima nezibane. Bayeka ukwenza iziqhumiso, kananjalo nokumenzela amadini atshiswayo uThixo kaSirayeli kwindawo engcwele.

8. Ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu koJuda neJerusalem. Ezi ndawo wazitsho zayinto eyoyikekayo, inyumnyezi nesigculelo, nto leyo ke esizibonelayo ngawethu amehlo.

9. Ngenxa yale nto ke oobawo babulawa ngekrele, bona oonyana neentombi nabafazi bethu basiwa ekuthinjweni.

10. Ngoku ndizimisele ukwenza umnqophiso noNdikhoyo uThixo kaSirayeli, khon' ukuze ithothe ingqumbo yakhe ngakuthi.

11. Bonyana, ngoku musani ukuba ngabangakhathaliyo; kaloku uNdikhoyo uninyulile ukuze nime phambi kwakhe, nimsebenzele, nimlungiselele, nenze iziqhumiso.”

12. Aba baLevi ke bangena emsebenzini:kumaKohati: uMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya;kumaMerari: uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaJehaleli;kumaGershon: uJowa unyana kaZima, noEden unyana kaJowa;

13. kwinzala kaElizafan: uShimri noJewuyeli;kwinzala ka-Asafu: uZakariya noMataniya;

14. kwinzala kaHeman: uJewuyeli noShimeyi;kwinzala kaJedutun: uShemaya noUziyeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29