Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. kwinzala kaHeman: uJewuyeli noShimeyi;kwinzala kaJedutun: uShemaya noUziyeli.

15. Bakuba bewaqokelele amawabo bazihlambulula, baya kuhlambulula nendlu kaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani efezekisa ilizwi likaNdikhoyo.

16. Ababingeleli bangena endaweni engcwele endlwini kaNdikhoyo bayihlambulula. Yonke into eyafumaneka inomlaza bayikhuphela enkundleni yendlu kaNdikhoyo. Zonke izinto ezinjalo zathathwa ngabaLevi, baya kuzigalela kwintili yeKedron.

17. Le ntlambululo bayiqala ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, kwaza ke kwathi kuba ngumhla wesibhozo wenyanga leyo babe sebefikelele kwivaranda kaNdikhoyo. Yaba zezinye iintsuku ezisibhozo behlambulula indlu kaNdikhoyo ngokwayo, baza ke bagqibezela ngomhla weshumi elinesithandathu kwakuloo nyanga yokuqala.

18. Baza ke baya kukumkani uHezekiya, bathi: “Xa iyonke indlu kaNdikhoyo siyihlambulule: iqonga lamadini atshiswayo nazo zonke izinto ezisetyenziswa kulo, kunye netafile yesonka esisodwa nezinto zayo.

19. Sizilungisile sazihlambulula zonke izinto ezakhutshwa ngukumkani uAhazi koko kunganyaniseki kwakhe ngethuba lakhe. Kungokunje nâzo phambi kweqonga likaNdikhoyo.”

20. Kwakusasa ngemini elandelayo ukumkani uHezekiya wawaqokelela amagosa esixeko, waza waya nawo endlwini kaNdikhoyo.

21. Beza neenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, nesixhenxe seenkunzi zeegusha, namaxhwane eegusha asixhenxe angamaduna, kunye naweebhokhwe ekwasixhenxe ekwangamaduna, zinto ezo benza ngazo idini lesono, besenzela umbuso wonke nendawo engcwele noJuda ngokwakhe. Ke ukumkani wayalela ababingeleli, inzala ka-Aron, ukuba ezo zinto bazenze idini eqongeni likaNdikhoyo.

22. Ngoko ke bazixhela ezo nkunzi zeenkomo, baza ke ababingeleli balithatha igazi lazo, bafefa ngalo iqonga elo. Kananjalo ke bazixhela neenkunzi zeegusha, baza bafefa iqonga ngelo gazi lazo. Namaxhwane eegusha bawaxhela, ngegazi lawo bafefa kwaelo qonga.

23. Iibhokhwe zedini lesono zona zasiwa kukumkani nebandla, baza ke babeka izandla zabo phezu kwazo.

24. Ababingeleli ke bazixhela iibhokhwe ezo, igazi lazo balisa eqongeni laba lidini lesono lokungxengxezela uSirayeli ephela. Kaloku ukumkani wayenze umyalelo mayela nedini elitshiswayo kunye nelesono ngokunxulumene noSirayeli ephela.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29