Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:1-19 Ibhayibhile (XHO96)

1. UHezekiya wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu ukungena kwakhe ebukhosini, waza walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amabini anethoba. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.

2. Njengoyise-mkhulu uDavide naye wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

3. Ngenyanga yokuqala yonyaka wakhe wokuqala ekulawuleni, wayivula indlu kaNdikhoyo, wawahlaziya amasango ayo.

4. Ababingeleli nabaLevi wabaqokelela kwinkundla esempuma, wathetha nabo,

5. wathi: “BaLevi, ndiphulaphuleni; zihlambululeni, ze niyihlambulule nayo indlu kaNdikhoyo uThixo wooyihlo. Yisuseni yonke into enomlaza endaweni engcwele.

6. Oobawo zange banyaniseke; benze okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wethu, bakreqa kuye. Ewe, basuka bamfulathela uNdikhoyo ndawonye nendawo ahlala kuyo.

7. Bazivala iingcango zevaranda, bazicima nezibane. Bayeka ukwenza iziqhumiso, kananjalo nokumenzela amadini atshiswayo uThixo kaSirayeli kwindawo engcwele.

8. Ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu koJuda neJerusalem. Ezi ndawo wazitsho zayinto eyoyikekayo, inyumnyezi nesigculelo, nto leyo ke esizibonelayo ngawethu amehlo.

9. Ngenxa yale nto ke oobawo babulawa ngekrele, bona oonyana neentombi nabafazi bethu basiwa ekuthinjweni.

10. Ngoku ndizimisele ukwenza umnqophiso noNdikhoyo uThixo kaSirayeli, khon' ukuze ithothe ingqumbo yakhe ngakuthi.

11. Bonyana, ngoku musani ukuba ngabangakhathaliyo; kaloku uNdikhoyo uninyulile ukuze nime phambi kwakhe, nimsebenzele, nimlungiselele, nenze iziqhumiso.”

12. Aba baLevi ke bangena emsebenzini:kumaKohati: uMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya;kumaMerari: uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaJehaleli;kumaGershon: uJowa unyana kaZima, noEden unyana kaJowa;

13. kwinzala kaElizafan: uShimri noJewuyeli;kwinzala ka-Asafu: uZakariya noMataniya;

14. kwinzala kaHeman: uJewuyeli noShimeyi;kwinzala kaJedutun: uShemaya noUziyeli.

15. Bakuba bewaqokelele amawabo bazihlambulula, baya kuhlambulula nendlu kaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani efezekisa ilizwi likaNdikhoyo.

16. Ababingeleli bangena endaweni engcwele endlwini kaNdikhoyo bayihlambulula. Yonke into eyafumaneka inomlaza bayikhuphela enkundleni yendlu kaNdikhoyo. Zonke izinto ezinjalo zathathwa ngabaLevi, baya kuzigalela kwintili yeKedron.

17. Le ntlambululo bayiqala ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, kwaza ke kwathi kuba ngumhla wesibhozo wenyanga leyo babe sebefikelele kwivaranda kaNdikhoyo. Yaba zezinye iintsuku ezisibhozo behlambulula indlu kaNdikhoyo ngokwayo, baza ke bagqibezela ngomhla weshumi elinesithandathu kwakuloo nyanga yokuqala.

18. Baza ke baya kukumkani uHezekiya, bathi: “Xa iyonke indlu kaNdikhoyo siyihlambulule: iqonga lamadini atshiswayo nazo zonke izinto ezisetyenziswa kulo, kunye netafile yesonka esisodwa nezinto zayo.

19. Sizilungisile sazihlambulula zonke izinto ezakhutshwa ngukumkani uAhazi koko kunganyaniseki kwakhe ngethuba lakhe. Kungokunje nâzo phambi kweqonga likaNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29