Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 28:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kodwa ke khona apho kwakukho *umshumayeli kaNdikhoyo ogama linguOdede. Yena wabahlangabeza xa umkhosi ubuyela eSamariya. Wathi kubo: “Niyabona, uNdikhoyo uThixo wooyihlo umnikele esandleni senu uJuda ngenxa yengqumbo yakhe kuye. Kambe ke nina nibabulele ngengqumbo efikelele nasezulwini.

10. Phezu koko ke ngoku, la madoda nabafazi bakwaJuda naseJerusalem nizimisele ukubenza amakhoboka. Ukanti nani ngokwenu ninobutyala phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

11. Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”

12. Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini,

13. zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”

14. Ngoko ke amajoni lawo abakhulula abathinjwa abo, awancama namaxhoba lawo apho phambi kwamaphakathi kunye nebandla liphela.

15. Ke la madoda selekhankanyiwe awathatha amabanjwa lawo, aza emaxhobeni apho athatha iimpahla abanxiba abo babehamba ze. Bawanika iimphala zokunxiba, iimbadada, ukutya nento eselwayo, ngokunjalo namayeza okuthambisa. Abo babebuthathaka babakhwelisa koondlebe-nde. Ewe, babathatha babagodusa babasa kumawabo eJeriko, isixeko samasundu, baza ke bona babuyela eSamariya.

16. Ngelo thuba ke ukumkani uAhazi wathumela kookumkani baseAsiriya ecela uncedo.

17. Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa.

18. Kanti ke namaFilistiya azihlasela iidolophu ezisemazantsi eentaba kumathafa elakwaJuda nakwelasentlango. Bayithimba iBhete-shemeshe, iAyalon, iGederoti, iSoko, iTimna, neGimzo, namaphandle aziphahlileyo.

19. UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo.

20. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya uTigilati-pilezere weza kuye, kodwa ke endaweni yokumnceda wamzisela inkathazo.

21. UAhazi ke wathatha ezinye kwizinto zendlu kaNdikhoyo, nasebhotwe, nakumatshawe, warhuma ngazo apho kukumkani waseAsiriya. Kambe ke naleyo zange imncede nto.

22. Ngelo thuba lakhe leenkathazo ke ukumkani uAhazi wathath' unyawo ukunganyaniseki oku kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 28