Ngamini-nye uPeka unyana kaRemaliya wabulala ikhulu elinamashumi amabini lamawaka kumajoni akwaJuda; kaloku uJuda lo wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise.