Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 28:17-26 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa.

18. Kanti ke namaFilistiya azihlasela iidolophu ezisemazantsi eentaba kumathafa elakwaJuda nakwelasentlango. Bayithimba iBhete-shemeshe, iAyalon, iGederoti, iSoko, iTimna, neGimzo, namaphandle aziphahlileyo.

19. UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo.

20. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya uTigilati-pilezere weza kuye, kodwa ke endaweni yokumnceda wamzisela inkathazo.

21. UAhazi ke wathatha ezinye kwizinto zendlu kaNdikhoyo, nasebhotwe, nakumatshawe, warhuma ngazo apho kukumkani waseAsiriya. Kambe ke naleyo zange imncede nto.

22. Ngelo thuba lakhe leenkathazo ke ukumkani uAhazi wathath' unyawo ukunganyaniseki oku kuNdikhoyo.

23. Wenzela izithixo zaseDamasko amadini, sizwe eso ke sasimoyisile emfazweni. Kaloku wayesithi: “Njengoko izithixo zookumkani bakwa-Aram zibancedile nje, nam ke ndiza kuzenzela amadini ukuze zindincede.” Kambe ke eso senzo sesona samkhahlela phantsi, kwaba seso nakuSirayeli jikelele.

24. UAhazi waziqokelela wazonakalisa izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo. Wazivala iingcango zendlu kaNdikhoyo, waza wamisa amaqonga amadini kuzo zonke iikona zezitalato eJerusalem.

25. Kuzo zonke iidolophu zelakwaJuda wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo ukuze kwenzelwe izithixo amadini, nto leyo ke yawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo uThixo wooyise.

26. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nazo zonke iindlela zakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 28