Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 28:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”

12. Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini,

13. zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”

14. Ngoko ke amajoni lawo abakhulula abathinjwa abo, awancama namaxhoba lawo apho phambi kwamaphakathi kunye nebandla liphela.

15. Ke la madoda selekhankanyiwe awathatha amabanjwa lawo, aza emaxhobeni apho athatha iimpahla abanxiba abo babehamba ze. Bawanika iimphala zokunxiba, iimbadada, ukutya nento eselwayo, ngokunjalo namayeza okuthambisa. Abo babebuthathaka babakhwelisa koondlebe-nde. Ewe, babathatha babagodusa babasa kumawabo eJeriko, isixeko samasundu, baza ke bona babuyela eSamariya.

16. Ngelo thuba ke ukumkani uAhazi wathumela kookumkani baseAsiriya ecela uncedo.

17. Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 28