Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 26:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe.

14. Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi.

15. EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.

16. Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.

17. Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye.

18. Bamxelelisa ukumkani u-Uziya bathi: “Asikokwakho, Uziya, ukuba wena wenzele uNdikhoyo isiqhumiso. Lowo ngumsebenzi wababingeleli, isizukulwana sika-Aron, abantu abakhutshelwa bucala ukuze batshise isiqhumiso. Ngoko ke phuma apha kwindawo engcwele, kuba le nto uyenzileyo kukunganyaniseki, yaye ke uNdikhoyo uThixo akasayi kukuxabisa.”

19. U-Uziya wayephethe umcephe ngesandla, selelungele ukwenza isiqhumiso. Ke kaloku wasuka wacaphuka. Uthe ke esavutha njalo umsindo kubo ababingeleli abo apho phambi kweqonga endlwini kaNdikhoyo, suka iqhenqa lee tyaba ebunzini lakhe.

20. Umbingeleli omkhulu uAzariya nabanye ababingeleli abo bathe bakumkhangela babona ukuba uneqhenqa ebunzi; ngoko ke bakhawuleza bamkhuphela ngaphandle. Ewe, naye ngokwakhe wayeselekungxamele ukuphuma, kuba kaloku uNdikhoyo wayemvelele ngesohlwayo.

21. Ke kaloku ukumkani u-Uziya wathiwa nca lelo qhenqa, wada wasweleka. Wayehlala endlwini yakhe yedwa ngenxa yelo qhenqa, engenakungena nasendlwini kaNdikhoyo. Unyana wakhe uYotam waba libamba apho ebhotwe, yanguye obalawulayo abantu belizwe elo.

22. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaUziya, ukusukela ekuqaleni kude kuye esiphelweni, nâzo kwingcombolo yomshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.

23. U-Uziya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kufuphi nabo kumhlaba wokungcwaba owawungowookumkani, kuba abantu besithi: “Kaloku ebeneqhenqa.” Unyana wakhe uYotam wangena esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 26