Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 25:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule, kuba kaloku uThixo wayeselezimisele ukumnikezela kuYehowashe, kuba esuke wathembela kwizithixo zamaEdom.

21. Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.

22. UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.

23. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. Ke uYehowashe wamsa eJerusalem, wafika waludiliza udonga lweJerusalem, ukusukela kwiSango lakwaEfrayim ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.

24. Wayithimba yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumana endlwini kaThixo, zinto ezo zazigcinwe nguObhedi-edom, ndawonye nobutyebi basebhotwe namabanjwa lawo, waza ke wabuyela eSamariya.

25. Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.

26. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

27. UAmaziya ke wathi akugwilika ekulandeleni *uNdikhoyo asuka amenzela iyelenqe amawabo eJerusalem, waza ke wabalekela eLakishe. Phofu ke nalapho amthumelela amadoda, aza ambulalela khona.

28. Ke kaloku wathwalwa ngamahashe wabuyiswa, waza wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 25