Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 25:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAmaziya waba ngukumkani eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.

2. Yena wenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo, noxa wayengaphelelisanga.

3. Akuziqonda ukuba uzinzile embusweni wawabulala amaphakathi awayebulele uyise.

4. Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”

5. UAmaziya wawaqokelela onke amaJuda, waza wawaba ngokwemizi, ewenza amabutho aliwaka nalikhulu – nditsho uJuda noBhenjamin. Wabagaya abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, waza wazuza amakhulu amathathu amawaka amadoda asemgangathweni wokungenela umkhosi, lawo anako ukusebenzisa umkhonto nekhaka.

6. Kananjalo waqesha amajoni akwaSirayeli alikhulu lamawaka, ngesiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane.

7. Kodwa ke kwafika indoda yakwaThixo kuye, yathi: “Hayi, kumkani, la mabutho akwaSirayeli sukuwadibanisa namabutho akho, kuba kaloku *uNdikhoyo umchasile uSirayeli naye nabani na ongowakwaEfrayim.

8. Noba ungade ukhaliphe kangakanani na emfazweni, uThixo uya kukuyekela ngolo tshaba; kaloku uThixo nguye onegunya lokunceda nelokuyekela.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 25