Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 24:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. UNdikhoyo wathumela *abashumayeli apho ebantwini ukuze babashumayeze baguqukele kuye, kodwa abazange baguquke naxa bebakhalimela.

20. Ke uMoya kaThixo wamfikela uZakariya unyana wombingeleli uJoyada. Wema phambi kwabantu, wathi: “UThixo uthi: ‘Kungani na ukuba ningayithobeli imiyalelo kaNdikhoyo? Soze nibe nto! Ngenxa yokuba nimlahlile uNdikhoyo, naye ke unilahlile.’ ”

21. Kambe ke basuka bamenzela iyelenqe, baza ngokomyalelo kakumkani bamgibisela ngamatye wafela enkundleni yendlu kaNdikhoyo.

22. Ukumkani uYowashe wabulibala ubuntu awayebenzelwe nguyise kaZakariya, wasuka wambulala unyana wakhe. Ke xa afayo uZakariya wathi: “Ngamana uNdikhoyo wakugqala ngesi senzo, akubuyekeze.”

23. Ngentlakohlaza yaloo nyaka umkhosi wama-Aram wahlasela uYowashe, wamngenela uJuda neJerusalem, wazibulala zonke iinkokheli zabantu. Amaxhoba onke bawathumela kukumkani wabo eDamasko.

24. Nangona loo mkhosi wama-Aram wawungemkhulu ngamanani kodwa uNdikhoyo wanikezela esandleni sawo umkhosi omkhulu kunawo. UJuda wamlahla uNdikhoyo uThixo wooyise, yaza ke ingqumbo yawa phezu koYowashe.

25. Ukurhoxa kwawo ama-Aram lawo amshiya emngxwelerhile uYowashe. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, aza ambulala ngenxa yokuba wabulala unyana wombingeleli uJoyada; ewe, bambulalela emandlalweni wakhe. Wafa ke, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, phofu akafihlwa phakathi kookumkani.

26. Abamenzela iyelenqe nguZabhadi ozalwa nguShimeyati umAmonikazi, noYozabhadi ozalwa nguShimriti umMowabhikazi.

27. Ke ingcombolo yoonyana bakhe kwaneentshumayelo ezingaye, nenkcazo mayela nokuhlaziywa kwendlu kaThixo, nâzo encwadini yamanqaku eembali zookumkani. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 24