Ukumkani noJoyada bayinikezela kuloo madoda ayesenza umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Baqesha iingcibi nabachweli ukuze zihlaziye indlu kaNdikhoyo, kananjalo bafuna nabasebenzi bentsimbi nobhedu ukuze balungise indlu kaNdikhoyo.