Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 23:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke uJoyada noonyana bakhe baphuma naye unyana kakumkani, baza bamthwesa isithsaba, bamnika umnqophiso obhaliweyo, bebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”

12. Akuva loo ntswahla yayisenziwa ngabantu bebaleka bevuyisana nokumkani, uAtaliya waya kubo endlwini kaNdikhoyo.

13. Akukhangela wabona, tyhini, nanko ukumkani emi ngakwintsika yakhe esesangweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo, nezinye iimvumi ezinezikhalisi zikhokela ngemibongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula iingubo zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”

14. Umbingeleli uJoyada wathuma iingqwayi-ngqwayi zamabutho ezo zazongamele amabutho omkhosi, wathi kuzo: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Sanukumbulalela endlwini kaNdikhoyo.”

15. Ngoko ke bambamba xa efika kwiSango lamaHashe eyadini yakomkhulu, bambulalela apho.

16. Ke uJoyada wenza umnqophiso wokuba yena nabantu kunye nokumkani baya kuba ngabantu bakaNdikhoyo.

17. Bonke ke abantu baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Bawantlekeza amaqonga ndawonye nemifanekiso, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga.

18. UJoyada wamisela ababingeleli ukuze bavelele indlu kaNdikhoyo, abo ke ngabo yayingabaLevi ababemiselwe ukusebenza endlwini kaThixo nguDavide, ukuze banikele amadini kaNdikhoyo atshiswayo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Loo nto babeyenza ngemivuyo bememelela ngokomlomo kaDavide.

19. Wamisela nabagcini-masango emasangweni endlu kaNdikhoyo, ukuze kungangeni namnye kubantu abangahlambulukanga.

20. Waqokelela iingqwayi-ngqwayi zamabutho alikhulu, izikhulu nabalawuli babantu, nabo bonke abemi belizwe, wamthatha nokumkani endlwini kaThixo, baya kungena ngesango elingasentla apho ebhotwe, ukumkani bamhlalisa kwisihlalo sobukhosi,

21. baza ke bonke abantu bavuya. Isixeko eso ke saba nokuzola, kuba uAtaliya ebulewe ngekrele.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 23