Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 22:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe.

5. Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram,

6. waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.

7. Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi.

8. Xa uYehu wayewisa isigwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana namatshawe akwaJuda nezizalwana zoonyana baka-Ahaziya ezazisonga uAhaziya, nazo ke wazibulala.

9. Waza ke wamzingela uAhaziya owafunyanwa ngamahlakani akhe ezimele eSamariya. Bamzisa kuYehu, wabulawa. Bamngcwaba ke, kuba babesithi: “Kaloku yena ungunyana kaYoshafati, umfo owayemfuna ngomxhelo wakhe wonke uNdikhoyo.” Ngoko ke endlwini ka-Ahaziya akusalanga mntu unako ukubuphatha ubukumkani.

10. UAtaliya unina ka-Ahaziya, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yekomkhulu lakwaJuda.

11. Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, wesuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala. Kaloku uYoshebha intombi kakumkani uYehoram owayengumfazi wombingeleli uJoyada wayengudade boAhaziya; yiyo ke loo nto wasuka wamfihla umntwana lowo ukuze angabulawa nguAtaliya.

12. Wahlala ezinyelisiwe ke endlwini kaThixo iminyaka yamithandathu, xesha elo kwakusalawula uAtaliya apho kwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 22