Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 20:31-37 Ibhayibhile (XHO96)

31. Ngoko ke uYoshafati wamlawula uJuda. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.

32. Yena wahamba ngeendlela zikayise uAsa, akanxaxha kuzo; ewe, yena wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo.

33. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu abazange bade babambelele ngomxhelo wabo kuThixo wooyise.

34. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, ukusukela ekuqalekeni kude kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli, ngcombolo leyo ke ilandwa nguYehu unyana kaHanani.

35. Kamva ke ukumkani wakwaJuda uYoshafati wakha unxibelelwano noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, umfo owayesaziwa ngenkohlakalo.

36. Wavumelana naye ukuba bakhe igqiza leenqanawa zokurhweba, abathe bazakha e-Eziyon-gebhere.

37. Ke uEliyezere unyana kaDodavu waseMaresha washumayela ngoYoshafati wathi: “Ngenxa yokuba unxibelelene noAhaziya, uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa loo nto niyenzileyo.” Iinqanawa ezo ke zasuka zatshona, azabi nako ukulithatha elo phulo lorhwebo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 20