Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 20:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Abathile ke beza kuxelela uYoshafati bathi: “Nantso inyambalala yomkhosi ophuma e-Edom isiza kukuhlasela, ingaphaya ngaphesheya kolwandle. Seyichophele ukuhlasela iphaya eHazezon-tamare.” (YiEngedi ke leyo.)

3. UYoshafati ke wothuka, wazimisela ukufuna uncedo *kuNdikhoyo, wamisela inzila kuJuda ewonke.

4. AbakwaJuda ke baqokelelana ukuza kufuna uncedo kuNdikhoyo; ewe, beza bephuma kuzo zonke iidolophu zakwaJuda befuna uNdikhoyo.

5. Ke uYoshafati waphakama apho kwelo bandla likaJuda kunye neJerusalem endlwini kaNdikhoyo phambi kwaloo nkundla intsha,

6. waza wathi: “Ndikhoyo, Thixo woobawo, andithi na kaloku unguThixo osezulwini? Nguwe olawula zonke izikumkani zezizwe. Amandla nokomelela kusesandleni sakho; akukho mntu unokumelana nawe.

7. Ke kaloku, wena Thixo wethu, wabadudula wabakhupha abemi beli lizwe, amaSirayeli ebukele, waza lona walinikela ukuba libe lelesizukulwana sika-Abraham isihlobo sakho ngonaphakade.

8. Bema kulo ke, baza kulo bakha indawo engcwele egameni lakho, besithi:

9. ‘Sothi sakufikelwa sisithwakumbe, noba sisibetho sekrele, ubhubhani, noba yindlala, thina sime phambi kwakho kule ndlu ibizwa ngegama lakho, sikhale kuwe embandezelweni yethu, ke wena usiphulaphule usihlangule.’

10. “Ngoko ke ngoku nanga ama-Amon, amaMowabhi nâbo bentaba iSeyire, ummandla lowo wena ungavumanga ukuba awuhlasele uSirayeli ukuphuma kwakhe eJiputa, waza ke uSirayeli wabacezela akabatshabalalisa.

11. Khawubone ke indlela abasibuyekeza ngayo ngokuza kusigxotha kwisabelo owasinika ukuze sibe lilifa lethu.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 20