Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 20:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva koku amaMowabhi nama-Amon ekunye namaMawun aya kulwa noYoshafati.

2. Abathile ke beza kuxelela uYoshafati bathi: “Nantso inyambalala yomkhosi ophuma e-Edom isiza kukuhlasela, ingaphaya ngaphesheya kolwandle. Seyichophele ukuhlasela iphaya eHazezon-tamare.” (YiEngedi ke leyo.)

3. UYoshafati ke wothuka, wazimisela ukufuna uncedo *kuNdikhoyo, wamisela inzila kuJuda ewonke.

4. AbakwaJuda ke baqokelelana ukuza kufuna uncedo kuNdikhoyo; ewe, beza bephuma kuzo zonke iidolophu zakwaJuda befuna uNdikhoyo.

5. Ke uYoshafati waphakama apho kwelo bandla likaJuda kunye neJerusalem endlwini kaNdikhoyo phambi kwaloo nkundla intsha,

6. waza wathi: “Ndikhoyo, Thixo woobawo, andithi na kaloku unguThixo osezulwini? Nguwe olawula zonke izikumkani zezizwe. Amandla nokomelela kusesandleni sakho; akukho mntu unokumelana nawe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 20