Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 2:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”

12. Waqhuba uHiram wathi: “Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, umenzi wamazulu nehlabathi! Ukumkani uDavide umphe unyana osisilumko, othiwe jize ngengqiqo neliso elibukhali, yena oza kwakhela uNdikhoyo indlu, naye azakhele ibhotwe.

13. “Ngoko ke ndikuthumelela uHuram-abhi, indoda elichule kunene.

14. Unina ngowakwaDan, uyise ngumTire. Uqeqeshelwe ukusebenza ngegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, ilitye, nomthi, kanti nangamalaphu elinen amsobo, aluhlaza, namfusa, nditsho nacikizekileyo. Unamava kuwo wonke umsebenzi wokukrola; akukho plani imxakayo. Ke uya kusebenza naloo machule akho kunye nalawo omhlekazi uDavide uyihlo.

15. “Ngoko ke umhlekazi makathumelele izicaka zakhe ingqolowa abethethe ngayo, kunye nerhasi, namafutha omnquma, newayini.

16. Ke thina sokugawulela eLebhanon yonke imithi oyifunayo, siyenze iinyanda, siyifake elwandle, idade iyokutsho eJopa. Ke wena woyithatha khona, uyise eJerusalem.”

17. USolomon wazibala zonke iintlanga ezazihlala apho kwaSirayeli, ngokoluya balo lwalenziwe nguyise uDavide, zafumaneka zingamawaka alikhulu elinamashumi amahlanu anantathu anamakhulu amathandathu.

18. Amashumi asixhenxe amawaka kuzo wawamisela ukuthwala izinto zokwakha, amashumi asibhozo amawaka wawamisa angabaqingqi bamatye, aza ke amawaka amathathu anamakhulu amathandathu aziinduna zokujonga ukuba umsebenzi uqhubeke.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 2