Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 17:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wayezinikezele ngentliziyo yakhe yonke kwiindlela zikaNdikhoyo; ngaphezu koko ke wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kunye neentsika zika-Ashera kwelakwaJuda.

7. Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya.

8. Ayekhatshwa ngaba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uLabhiya, uTobhiya, noTobhi-adoniya, nababingeleli uElishama noYoram.

9. Babephethe incwadi yomthetho kaNdikhoyo, baza ke bafundisa kulo lonke elakwaJuda, bazijikeleza iidolophu zakhona, bafundisa abantu.

10. Ke kaloku uNdikhoyo watsho wahlonelwa zizo zonke izikumkani zemihlaba ejikeleze uJuda, ngaloo ndlela ke akwabikho sizwe sikathaza uYoshafati ngemfazwe.

11. AmaFilistiya athile arhuma ngezipho nangesiliva, aza ama-Arabhu amzisela imihlambi: amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eebhokhwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 17