Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 17:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem.

14. Nalu uludwe lwawo ngokwemilibo:KwaJuda: iingqwayi-ngqwayi zamabutho:uAdena ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamakhulu amathathu amawaka;

15. kulandele uYohanan ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo;

16. kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.

17. KwaBhenjamin:uEliyada, igorha lomfo owayenamajoni axhobe ngeentolo namakhaka – amawaka angamakhulu amabini;

18. kulandele uYozabhadi enamajoni axhobele imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo lamawaka.

19. La ke ngamadoda awayesebenzela ukumkani, ngaphandle kwalawo awayehlaliswa kwizixeko ezinqatyisiweyo kulo lonke elakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 17