Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 15:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”

8. Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.

9. Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.

10. Ewe, bahlanganisana eJerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo luka-Asa.

11. Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo.

12. Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke.

13. Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi.

14. Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 15