Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 13:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.

4. UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli!

5. Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?

6. Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe.

7. Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.

8. “Nangoku ke nisazimisele ukuwuchasa umbuso kaNdikhoyo osesandleni sikaDavide nesizukulwana sakhe. Ngenene ningumkhosi omkhulu, futhi ninaloo mathole enziwe ngegolide enawanikwa nguJerobhowam ukuze abe *ngoothixo benu.

9. Andithi na kaloku nabagxotha ababingeleli bakaNdikhoyo abangoonyana baka-Aron kunye nabaLevi, naza nina nazimisela abenu ababingeleli njengezinye izizwe? Kuni nabani na ozihlambulula ngenkunzi yenkomo eselula, kunye nesixhenxe seenkunzi zeegusha, lowo ke uba ngumbingeleli wento engenguye nothixo.

10. “Ke thina uNdikhoyo nguThixo wethu, asimlahlanga. Ababingeleli abalungiselela uNdikhoyo ngoonyana baka-Aron bencediswa ngabaLevi.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 13