Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 13:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Ke thina uNdikhoyo nguThixo wethu, asimlahlanga. Ababingeleli abalungiselela uNdikhoyo ngoonyana baka-Aron bencediswa ngabaLevi.

11. Ngazo zonke iintsasa neenjikalanga banikela amadini atshiswayo, benzele uNdikhoyo isiqhumiso esivumba liyolileyo. Babeka isonka kwitafile ehlambulukileyo, balumeke izibane ezikwisiphatho segolide ngazo zonke iinjikalanga. Thina siyazigqala izinto ezifunwa nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke nina nisuke namfulathela.

12. Niyabona, uThixo unathi; nguye osikhokelayo. Nangoku ababingeleli bakhe baza kunihlabel' umkhosi ngamaxilongo abo. Ewe, maSirayeli, musani ukulwa noNdikhoyo onguThixo wooyihlo, kuba ke soze niphumelele.”

13. Ke kaloku uJerobhowam wathumela inxenye yomkhosi wakhe, warhawula uJuda ngasemva, kodwa yena wayengaphambili.

14. UJuda ke wathi akujonga ngemva wafumanisa ukuba uhlaselwa ngaphambili nangesemva. Waza ke wakhala kuNdikhoyo, ababingeleli bona bakhalisa amaxilongo.

15. Ke wona amadoda akwaJuda ahlab' umkhosi. Yathi yakuvakala intlaba-mkhosi, uThixo wamvuthulula uJerobhowam namaSirayeli onke phambi koAbhiya noJuda.

16. AmaSirayeli ke aswantsula phambi koJuda; uThixo wamhlangula uJuda esandleni sawo.

17. UAbhiya namadoda akhe bawabetha amaSirayeli atsho anelahleko enkulu, kwawa amawaka angamakhulu amahlanu eengxwelerha kuloo majoni aziimbalasane akwaSirayeli.

18. Ewe, uSirayeli woyiswa ngeso sihlandlo, uJuda yena wabuya noloyiso, kuba kaloku wayekholose ngoNdikhoyo uThixo wooyise.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 13